

lOmo Mailbag icebisa abathengi ngeengxaki zevasi. ldilesi neenombolo zefowuni zethu zichazwe kwibhokisi yeOmo. Sillndele ukuva kuni. Nisenokuphulaphu!a kwiinkqubo zethu, zidwellswe ekupheleni kwenqaku
Molweni, UNksk. Langabe usibhatele kule
nyanga esixelela ngengxaki aba nayo kwivasi yakhe nemxakileyo. likhola nezihlahla zeehempe zowakwakhe zithanda ukun-gahlambisiseki, ukanti xa eziayina ziba nevumba lombilo. Ufanele enze ntoni?

Nksk. Langabe le yingxaki exhaphakileyo, kanti ke kutula nokuyisombulula.
kulula ukuyihlamba, yenza int-wana yentlama yeomo, yidyobhe kwiindawo ezinentsila ekholeni nasezihlahleni zehempe. Zihlambe ngendlela eqhelekiIeyo Uya kubona ukuba le ntsila isuka kungekho kutshintsha kwebaia okanye ukuba libe buqanda. Xa ushenxisa ivumba tombilo, ucetyiswa ukuba impahla ifakwe emanzini angenanto ebuncinaneni iyure (kodwa okona kuhle kukuyilalisa emanzinii phambi kokuba uyihlambe. Ukuba elo vumba lisavakala, galela itispuni yebicarbonate of soda emanzini oza kuyilalisa kuwo. lhempe yihlambe ngamanzi aneOmo eninzi, yihlambisise ngamanzi ange-nasepha, phambi kokuba uyaneke yihlambe ngamanye
amanzi anesunlight Softener esisithambisi-mpahla.

UKUSHENXISA AMABALA
Amabala esibulali-vumba -amakhwapha ehempe athanda ukuqina ngenxa yesibulalivumba. Ukuze ushenxise oku, wadyobhe ngebhenzini, uwa-manzise ngomxube wamanzi nebicarbonate of soda, yenza intlama yeOmo, yidyobhe, yiyeke okwethutyana phambi kokuba uyihlambe.






Bhaka
Ngeflawa
Ephambili
YeSnowflake

IIMUFFIN EZIMNANDI
Zibhakeka Iula nangokukhawuleza iimuffin xa zenziwe ngezithako ezineswekile nezinamafutha kwaye zingatyiwa nanini na enyakeni! Galela ibran eninzi ukuze zibe nesondlo.

lndlela yokwenza iimuffin:

	Yisebenze ngobunono intlama. Xuba izithako ezingamanzi nezomileyo, uzamisisise de kufume. Kufuneka intlama ihlale ibukeka inamaqhuma.

	Ukuyixuba kakhulu intlama kungakhokelela ekubeni buphele ubulafu-Iafu bentlama zize zome iimuffin zibe namaqhuma.

	Gcwalisa umngxuma epanini leemuffin kangangesibini kwisithathu, usebenzisa icephe. Ukuba ngaba awunalo ipani sebenzisa amaphepha
ekeyiki uwabeke phezu kwetreyi yokubhaka.

	Xa ukhangela ukuba zivuthiwe kusini na iimuffin, cinezela ngaphezulu ukuba ngaba uyaphakama kwakhona umphezulu yazi ukuba sele zilungile iimuffin.

	limuffin zimandi xa sisanda kubhakwa. Ziluncuthu xa zisanda kubhakwa. Zimnandi xa zityiwa zishushu zinebhotolo.

UKUZIGCINA EMKHENCENI
limuffin zingagcinwa emkhenceni iinyanga ezintathu. Zipholise kancinci, uze uthi ziseshushu, uzifake kwifoyile uzifake emkhenkceni okanye kwisitya esingangeni moya ukuze zihlale zifumile. Zifudumeze zikwifoyile kwionti enobushushu obuyi-200C (400 F) imizuzu eli-12 ukuya kweli-15. Kungenjalo faka imuffin enomkhence kwimicrowave ekwiqondo eliphezulu okanye kwi-100% imizuzwana engama-30 ukuya kwengama-45.
Lo mxube unokugcinwa kwisitya esingangeni moya efrijini iintsuku ezingama-30, zisetyenziswe xa kuyimfuneko.
1. Qhuqha amaqanda, ioyile kunye
neswekile ngaxeshanye.
2.	Galela izithako ezishiyekileyo uxube
de kuhlangane.
3. Yigalele kwisitya esingangeni moya
intlama yakho uyihlalise efrijini ubusuku
bonke.
4. Yigalele emapanini okwenza iimuffin1
uzalise kangangesibini esithathwini.
Bhaka kwionti esele inobushushu obuyi

180C (35O F imizuzu engama-20
ukuya kwengama-25.
5. Mayiqatywe ibhotolo ityiwe iseshushu,:
Kuphuma ezingama-48.

EZINYE JNCASA
1. Galela i-250m1 yewholenuts ezinqunqiweyo okanye ipecan nuts






po mxube.
ndaweni yefruit cake mix nedates nzisa i-5QOmJ yedsultanas okanye ntyisi.
l5mJ yencindi yeorenji ecujiweyo inokongezwa kwezi zithako.
3. Qhuqha ubisi neqanda, uxubele
kwezinye izithako. Xuba de iflawa ifume;
intlama kufuneka ibe nezigaqa.
4. Galela ngecephe uxube emapanini
aqatyiweyo eemuffin kangangesibini
esithathwini.
5. Bhaka kwionti enobushushu obuyi1 90C (375 C) imizuzu engama-20.
6. Maziqatywe ibhotolo zityiwe zishushu.
Kuphuma ezili-12.

ICEBISO
lidates zingacujwa lula ngokusebenzisa imela ethiwe nxu kwiflawa.
1. Qhuqha imagarini neswekile ndaweni nye. Galela amaqanda de umxube uthambe ube lafulafu.
2.	Sefa izithako ezomileyo uzigalele, uhlanganise nexolo yelamuni kunye nencindi yelamuni, zibe ngumxube obucwamburha iflalwa ifume; intlama kufuneka ibe nezigaqa. Ungaxubi kakhulu.
3. Galela umxube ngecephe kwipani lemuffin eliqatyiweyo, ugcwalise ipani ngalinye kangangesibini esithathwini Bhaka kwionti enobushushu obuyi-200C (400 F) imizuzu engama-20.
4. Mazityiwe zishushu nebhotolo. Kuphuma ezili-12.

ICEBISO
Itamuni ephakathi ngobukhulu ikhupha malunga ne-40m1 yencindi. Ukuze uyikhuphe ngobuninzi bayo incindi yelamuni, yifudumeze kwionti enobushushu obuphakathi imizuzu emibini






UMHLA:	NgoMgqibelo, umhla we-11 kuMeyi ka-1996
INDAWO:	eTsakane Public Library
IXESHA: ngo-I2OO emini ISITHETHI SEMBEKO: nguGqr.
Zolela Ngcwabe
INTETHO:	Ukuphathwa kakubi
kwamabhinqa

Amakhosikazi aseTsakane amenyeiwa kwindibano yeRAMA/BONA ethembisa ukuba nomdla nokuba mnandinjengezinye zangaphambili - kwaye mhlawumbi iya kuba nomdla nangakumbi kuba iza kuba ngemini ekubhiyozelwa ngayo iMothers Day ehlabathini jikelele.
Isithethi sembeko iza kuba ngugqirha wamayeza uGqr. Zolela Ngcwabe oya kuba ethetha ngokuhlasimlisa imizimba, ukuphathwa kakubi kwamabhinqa. UGqr. Ngcwabe waziwa kakhulu eTsakane kwiMpuma Randi ngendima
ayenzlleyo ekusekweni kwemicimbi yoluntu. Ungusihlalo weTsakane Health Care Forum nelungu ellphambili kumaziko aliqela afana neTsakane Old Age Home, iTsakane Development Forum kunye neBrakpan Community Forum. Uxhasa amaqela amabini ebhola ekhatywayo eyedwa elokishini yakhe kwaye uillungu elizimiseleyo kumaphulo eRDP. Ngokutsho komququzeleli walo msitho, uNkskz. Patricia Papi, le ndibano ijoliswe ekubumbeni amakhosikazi aseTsakane, aphume kwaye abalelwe enanini Iabacinga okuthe nkqo eliluluntu. lza kuba lulutho kakhulu kwaye abo bazimase le ndibano baya kunikwa ithuba Iokubuza imibuzo ngalo mba. Njengesiqhelo, uya kuba ekho uVeronica Mkari ebonisa indlela yokupheka esinye sezidlo i.
ezimnandi.	- -
Amanenekazi anokullndela ukutsalwa kwamatikiti abanethamsanqa nabaya kuzizuzela izixa zakwaRama. Kuza kuphungwa neti Ningaphoswa yile ndibano iza kuba mnandi kangaka kwaye kufuneka nifike ngethuba ukuze nifumane indawo.



74 BONA XHOSA - May 1 996

78 BONA XHOSA - May 1 996

		BONA XHOSA - May 1 996 79

94 BONA XHOSA - May 1996

	NONWABE NGEBONA NERAMAkuchaza UBONGANI HLATSHWAYOkwafota uTHEMBA NKOSIUKUBA NGABA UHLALAETSAKAN ENgaseBra kpcin...NaIi ithuba LAKHO lokuya kiniindibanoyePAMAIBONA WOMENS CLUB!UGqr. ZoIeIa Ngcvabe

